13 Sebengathi ngamahobe ahonjiswe ngesiliva;amaphiko ehonjiswe ngegolide.
14 Wathi uSomandla ukubasarhaza ookumkani,kwatsho kwalal' ikhephu eZalmon.
15 Iphakamile ke kambe intaba iBhashan;yintaba encopho zininzi.
16 Zintabandini, ngani ukuba niyigxeleshe intaba,nditsho intaba enqwenelekayo kuThixo,apho wohlala khona ngonaphakade uNdikhoyo!
17 UNdikhoyo weza ngeenqwelo ezimawaka-waka,ephuma eSinayi, esiza ebhotwe.
18 Wantinga, wanyukela phezulu,erhuqa umngcelele wabathinjwa,wamkela izipho ebantwini,ewe, nditsho nakwabamvukelayo,ukuze uNdikhoyo uThixo ahlale khona.
19 Yibongeni iNkosi!Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.