7 Ke wena, Thixo, wabakhokela abantu bakho;wanyantsula, wacanda entlango.
8 Umhlaba watsho wanyikima, yagalelek' imvula,ngokufika kukaThixo waseSinayi;ewe, nditsho uThixo wamaSirayeli.
9 Wena, Thixo, wathulula izandyondyo zemvula,walinyanga ilizwe lakho elibharhileyo.
10 Abantu bakho watsho bazuza umhlaba wokuma;ngenceba yakho wabazelelela abahlelelekileyo.
11 INkosi inika umyalelo,batsho babe baninzi abavakalisa iindaba.
12 Iinjengele zomkhosi nâzo zibaleka;ke bona abafazi basala besab' amaxhoba.
13 Sebengathi ngamahobe ahonjiswe ngesiliva;amaphiko ehonjiswe ngegolide.