15 Ewe, mandingantywiliselwa ngumsinga;mandingarhaxwa kwisiziba esimnyama;mandingaginywa yinzonzobila.
16 Hayi ubuhle bezibele zakho!Ndikhoyo, ndivelele undiphendule;ewe, ngokobuninzi beenceba zakho ndive!
17 Musa ukusifulathela isicaka sakho.Ndibandezelekile; nceda undiphendule.
18 Sondela undisindise;ndikhulule ezintshabeni zam.
19 Uyayazi indlela endingcikivwa ngayo;uyazi ukuba andinto yanto, ndihlazekile;uyazazi zonke iintshaba zam.
20 Izinyeliso ziwaphule umoya wam;kungokunje ndivikivekile.Ndathemba ukukhuzwa, kodwa nya!Nokuthuthuzelwa andakufumana.
21 Ndaweni yokutya ndanikwa ityhefu;endaweni yamanzi yaba yiviniga.