20 Izinyeliso ziwaphule umoya wam;kungokunje ndivikivekile.Ndathemba ukukhuzwa, kodwa nya!Nokuthuthuzelwa andakufumana.
21 Ndaweni yokutya ndanikwa ityhefu;endaweni yamanzi yaba yiviniga.
22 Mabenzakaliswe kwakukutya kwabo,amatheko abo abe ngumgibe kubo.
23 Mabamfanyekiswe bangaboni;umzimba wabo mawutyhutyhwe lidumbe.
24 Mabagutyungelwe yingqumbo yakho;mabatshiswe ngumsindo wakho.
25 Mawube linxuwa umzi wabo,makungahlali nabani kuwo,
26 kuba bayamtshutshisa ombethileyo,baphoxise ngaye omenzakalisileyo.