23 Mabamfanyekiswe bangaboni;umzimba wabo mawutyhutyhwe lidumbe.
24 Mabagutyungelwe yingqumbo yakho;mabatshiswe ngumsindo wakho.
25 Mawube linxuwa umzi wabo,makungahlali nabani kuwo,
26 kuba bayamtshutshisa ombethileyo,baphoxise ngaye omenzakalisileyo.
27 Bancine ngesona sohlwayo;mabaphoswe yinceba yakho.
28 Mabacinywe kwincwadi yoludwe lwabaphilayo,mabangadweliswa namalungisa.
29 Kambe ke ndiyajwaqeka yintlungu;ndonyule undisindise, Thixo.