6 Awu, *Ndikhoyo, Thixo onamandla onke,mandingabahlazisi abo bakholosa ngawe;abakulangazelelayo mabangangcikivwangenxa yam, Thixo kaSirayeli.
7 Kaloku kungenxa yakho ndinyeliswa nje;ngoku sendintywil' ehlazweni.
8 Sendaba yintlanga kumawethu;ndingumhambi kwiinto zikabawo.
9 Ke kona ukuzondelela indlu yakho kundongamele;izithuko zabakunyelisayo ziphezu kwam.
10 Ndalila ezimathontsi, ndizila ukutya,kodwa naleyo yaba sisingcikivo.
11 Ndithi ndakunxiba ezirhwexayo zokuzilandisuke ndibe ngundaba-mlonyeni.
12 Bancokola ngam ezimbuthweni;sendide ndayingoma yamanxila.