12 Sondela kum, Thixo!Khawuleza undincede, Thixo wam!
13 Abandihlaselayo mabahlazeke babhubhe.Ngamana baphoxeka bahlazekaabazungula ukundenzakalisa.
14 Ndiya kuthembela kuwe rhoqo,ndikubonge njalo-njalo.
15 Ndiya kububhengeza ubulungisa bakho,ndihlale ndiluvakalisa usindiso lwakhonakuba lungenakuphicothwa.
16 Ndize kukudumisa, Mhlekazi Ndikhoyo,ngenxa yamandla akho,ndikubonge ngobulungisa obungakanana.
17 Wandifundisa kwasebuncinaneni, Thixo.Unangoku ndisayincoma imisebenzi yakho,kuba iyamangalisa.
18 Nangona ndiyingwevu nje, sukundilahla, Thixo,ndide ndiwabhengeze amandla akhonakwizizukulwana ezizayo.