18 Ngenene ubabeka emtyibilizini,bawe batshabalale.
19 Ngephanyazo baba nesiphelo esilumezayo,beyela bephanziswa kukunkwantya.
20 Nkosi, banjengephupha ekuphaphameni komntu;ubume balo buyalibaleka akuvuka.
21 Ngokuya ndandibindekile,ndikhathazekile entliziyweni,
22 ndandingaqondi, ndisisidenge;ndandiziphethe njengesilwanyana.
23 Kambe ke ndisoloko ndikuwe;undithe chu ngesandla.
24 Ewe, wena uyandithundeza;kamva ke wondamkelela ewongeni.