24 Ewe, wena uyandithundeza;kamva ke wondamkelela ewongeni.
25 Ndikholosa ngawe usemazulwini;ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.
26 Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.
27 Abakutyeshelayo baya kubhanga;uyabatshabalalisa abaqhankqalazi.
28 Kum ke kuluyolo ukuba kufuphi kuwe, Thixo.Nkosi yam *Ndikhoyo, ndikhuselwa nguwe,ukuze ndibalise ngemisebenzi yakho.