12 Kambe ke wena, Thixo, waba ngukumkani kwamandulo.Uyabahlangula abantu ehlabathini liphela.
13 Ngaloo mandla walahlula-hlula ulwandle,waziqhekez' intloko iingwenya,
14 wasintlekeza intloko isilo solwandle,sakukutya kwelo libharhileyo.
15 Wena wampompozisa imithombo nemilanjana,waza wayomisa imilambo engatshiyo.
16 Yadalwa nguwe imini, ngokunjalo nobusuku;ivela kuwe inyanga, ngokunjalo nelanga.
17 Yamiswa nguwe imida yehlabathi;ngokukwanjalo ihlobo nobusika.
18 Awu, *Ndikhoyo, khumbula ukuba iintshaba ziyakusinekela;izibhoja ziyalingcikiva igama lakho.