6 Unyuselo aluveli empuma nasentshona,lungaveli nasentlango.
7 Kaloku nguThixo ogwebayo:uyamthoba lo, amnyuse lowa.
8 *UNdikhoyo uphethe indebe ngesandla,iphuphuma ingqumbo ebilayo;ubarhabulisa kuyo abagwenxa,boyisela bafince nentlenge.
9 Kodwa ndohlala ndimncoma njalo-njalo;ndiya kumemelela ndibonga uThixo kaYakobi.
10 Abagwenxa ndiya kubaphul' iimpondo;ndiluphakamis' uphondo lwamalungisa.