14 Wena unguThixo owenza imimangaliso;amandla akho abonakele phakathi kwabantu;
15 Wabakhulula ngamandla akho abantu;ewe, nditsho oonyana bakaYakobi nabakaJosefu.
16 Uthi wakuvela wena, Thixo, arhwaqel' amanzi,nenzongonzongo yolwandle ingcangcazele.
17 Amafu wona atsho avuz' amanzi,isibhakabhaka sona sagragrama,imibane yona yaphithizela.
18 Izithonga zeendudumo zazihamba nezaqhwithi,imibane yalikhanyisa lonke ihlabathi,umhlaba wangcangcazela wanyikima.
19 Wena wadabul' ulwandle,wacand' amanzi anzongonzongo.Ke wona umkhondo wakho awufumaneki.
20 Wabakhokela njengomhlambi abantu bakhongesandla sikaMosis noAron.