10 Akawuthobelanga umnqophiso kaThixo,asuka ala ukuhamba ngokomthetho.
11 Suke ayilibala imisebenzi yakhe,imiqondiso awayewabonise yona.
12 UThixo wenza imimangaliso phambi kooyise,eJiputa kumathafa aseZowan.
13 Walahlula-hlula ulwandle, bawela,amanzi aba yinduli ngapha nangapha.
14 Wabakhokela ngelifu emini,ebusuku wabakhokela ngomlilo.
15 Waqhekeza amawa entlango,basela amanzi ampompozayo.
16 Wavelisa imithombo elulwalweni,amanzi aqukuqela ngathi yimilambo.