2 Ndiza kuthetha nani ngemizekeliso;ndiza kuphokoz' iintsonkotha zamandulo.
3 Ndixel' izinto esazivayo nesizaziyo,izintw' esazixelelwa ngoobawo.
4 Asinako ukubafihlela abantwana babo,koko sozibhengeza kwizizukulwana ezizayo:imisebenzi emihle *kaNdikhoyo namandla akhe,ewe, nditsho nemimangaliso ayenzileyo.
5 Wamisela umthetho kwaYakobi,wanikela imimiselo kwaSirayeli;wabanqonqozisa ngayo oobawo,ukuze bafundise abantwana babo,
6 khon' ukuze ziyazi izizukulwana ezizayo,ewe, nditsho nabangekalibon' ilanga.Bona ke bayigqithisele kubantwana babo,
7 ukwenzela ukuba bakholose ngoThixo,bangaze bayilibale imisebenzi yakhe,koko bayithobele imimiselo yakhe;
8 ewe, bona bangafuzi ooyise,isizukulwana esineenkani nesigwilikayo,abantu abantliziyo zibhetyebhetye,abangazange banyaniseka kuThixo.