22 kuba bengakholosanga ngoThixo,bengathembanga ukuba angabasindisa.
23 Kambe ke wayalela isibhakabhaka,zaza zavuleka iingcango zezulu,
24 yaza *imana yawa njengemvula,wabanika batya ukutya kwaphezulu.
25 Ewe, abantu batye ukutya kwezithunywa zezulu,baza batya bada bahlutha.
26 Wathumela umoya wasempuma wabhudla,ngamandla akhe wavusa umoya wasezantsi.
27 Wabathobela inyama,kwangathi sisivungu-vungu;inyambalala yeentaka ezingangentlabathi yolwandle
28 waziwisa apho babemise khona,ewe, zajikeleza iintente zabo.