31 suka wavutha umsindo kuThixo,wababulala abona bomeleleyo,wabageqa abafana bakwaSirayeli.
32 Nakuba kunjalo baphikelela ukona,bangenelwa kukudelela, àbakholwa.
33 Waza ke wababhangisa okomphunga,imihla yabo yaphela lishwangusha.
34 Akubohlwaya babuyela kuye,baguquka bazinikela kuThixo.
35 Bakhumbula ukuba nguThixo inqaba yabo,bangáhlangulwa nguThixo uPhezukonke.
36 Kodwa kuloo nto yonke bamqhatha;bâthi: “Lala, gusha, ndikuchebe.”
37 Zabe iintliziyo zona zikude lee kuye,bengakhange bawunanze umnqophiso wakhe.