36 Kodwa kuloo nto yonke bamqhatha;bâthi: “Lala, gusha, ndikuchebe.”
37 Zabe iintliziyo zona zikude lee kuye,bengakhange bawunanze umnqophiso wakhe.
38 Kambe ke yena uThixo waba nenceba,wabaxolela iziphoso zabo,wazibamba akabatshabalalisa;ewe, wayewubamba futhi umsindo wakhe,wayithomalalisa ingqumbo yakhe.
39 Wakhumbula ukuba bangabantu,into edlula njengomoya iphele.
40 Kwaba kaninzi bemvukela entlango;ewe, babemtsho abe neenzingo kwelingamiwayo.
41 Baphinda-phinda ukumvavanya,bamcaphukisa oyiNgcwele kaSirayeli.
42 Bamlibala àbamkhumbula ngamandla akhe,bawulibala umhla wokuhlangulwa kwabo elutshabeni.