4 Asinako ukubafihlela abantwana babo,koko sozibhengeza kwizizukulwana ezizayo:imisebenzi emihle *kaNdikhoyo namandla akhe,ewe, nditsho nemimangaliso ayenzileyo.
5 Wamisela umthetho kwaYakobi,wanikela imimiselo kwaSirayeli;wabanqonqozisa ngayo oobawo,ukuze bafundise abantwana babo,
6 khon' ukuze ziyazi izizukulwana ezizayo,ewe, nditsho nabangekalibon' ilanga.Bona ke bayigqithisele kubantwana babo,
7 ukwenzela ukuba bakholose ngoThixo,bangaze bayilibale imisebenzi yakhe,koko bayithobele imimiselo yakhe;
8 ewe, bona bangafuzi ooyise,isizukulwana esineenkani nesigwilikayo,abantu abantliziyo zibhetyebhetye,abangazange banyaniseka kuThixo.
9 AmaEfrayim axhoba ngeentolo,engàxhob' ef' amacala,kodwa aswantsula ngomhla wedabi.
10 Akawuthobelanga umnqophiso kaThixo,asuka ala ukuhamba ngokomthetho.