49 Wasuka ke wavutha umsindo wakhe,wayivulela ingqumbo yakhe ecaphukile,wababandezela ngolunya,umkhosi wezithunywa wabatshabalalisa.
50 Zange abe sazibamba, wawuvulela umsindo wakhe,akabasindisa ekufeni;ewe, wasuka wabathumela ngobhubhani.
51 Wawathi qwaka onke amazibulo amaJiputa,wabageqa abaligugu neqhayiya lakwaHam.
52 Kanti ke wabakhokela njengeegusha abantu bakhe,entlango wabalusa ngathi ngumhlambi.
53 Wabalondoloza batsho baphelelwa ngamaxhala,kambe ke ulwandle lwaziginya iintshaba zabo.
54 Wabakhokela wabasa kwelilelakhe ilizwe,entabeni awayizuza ngamandla akhe.
55 Bakufika wazidudula izizwe zabhaca,abantu bakhe wabacandela umhlaba wazo,amaSirayeli athi zava ezikhundleni zazo.