55 Bakufika wazidudula izizwe zabhaca,abantu bakhe wabacandela umhlaba wazo,amaSirayeli athi zava ezikhundleni zazo.
56 Kanti ke bamlinga bamvukela uThixo uPhezukonke;ewe, abazange bawuthobele umthetho wakhe.
57 Bamvukela, bahamba ngobutshijolo booyise;basuka àbanyaniseka, àbathembeka okwesaphetha esityokololo.
58 Bamcaphukisa ngokukodwa ngokunqula izithixo,bamkhweletisa ngemifanekiso ababeyinqula.
59 Akuyibona le nto uThixo waqumbakangangokuba wasuka wamhlamba uSirayeli.
60 Ewe, wafuduka emzini wakhe eShilo,wayishiya indlu awayehlala kuyo phakathi kwabantu.
61 Wabayekela yathinjwa ityesi yomnqophiso,iqhayiya labo lemka notshaba.