58 Bamcaphukisa ngokukodwa ngokunqula izithixo,bamkhweletisa ngemifanekiso ababeyinqula.
59 Akuyibona le nto uThixo waqumbakangangokuba wasuka wamhlamba uSirayeli.
60 Ewe, wafuduka emzini wakhe eShilo,wayishiya indlu awayehlala kuyo phakathi kwabantu.
61 Wabayekela yathinjwa ityesi yomnqophiso,iqhayiya labo lemka notshaba.
62 Abantu bakhe baba zizisulu zekrele,ilifa lakhe waliqwenga ngengqumbo.
63 Abafana batshayelwa ngumlilo,zatsho iintombi zaphoswa ngumtshato.
64 Ababingeleli bageqwa likrele,kodwa abahlolokazi babo àbalila.