62 Abantu bakhe baba zizisulu zekrele,ilifa lakhe waliqwenga ngengqumbo.
63 Abafana batshayelwa ngumlilo,zatsho iintombi zaphoswa ngumtshato.
64 Ababingeleli bageqwa likrele,kodwa abahlolokazi babo àbalila.
65 INkosi yathi khwaphuphu njengobelele,njengegorha elishushiswa yiwayini.
66 Wazikhaba iintshaba zakhe,zatsho zaxabheleka umlibe.
67 Wayilahla indlu kaJosefu,wayibukula indlu kaEfrayim.
68 Kodwa wayichonga indlu kaJuda,intaba iZiyon ayithandayo.