67 Wayilahla indlu kaJosefu,wayibukula indlu kaEfrayim.
68 Kodwa wayichonga indlu kaJuda,intaba iZiyon ayithandayo.
69 Wayakha yafana nezulu indlu yakhe;ikhaya lakhe sisimakade, linjengomhlaba.
70 Wasinyula isicaka sakhe uDavide,wasiphuthuma ekwaluseni.
71 Wamkhupha ekwaluseni amatakane,wamenza umalusi wabantu bakhe,wangumalusi kaSirayeli ilifa lakhe.
72 Wabalusa ngokuzimisela nangenyameko;ewe, wabakhokela ngobuchule.