1 Iintshaba ziwuhlasele umhlaba wakho, Thixo;ziyixabhele indlu yakho engcwele,iJerusalem itsho yalinxuwa.
2 Imizimba yezicaka zakho kukutya kweentaka,izidumbu zazo zityiwa ziinyamakazi.
3 Igazi lazo laphalala njengamanzi,laba ngumgxobhozo ojikelez' iJerusalem,kungekho bani wokuzifihla.
4 Sesiyintlekisa kubamelwane;bayakrwecana bephoxisa ngathi.