2 Imizimba yezicaka zakho kukutya kweentaka,izidumbu zazo zityiwa ziinyamakazi.
3 Igazi lazo laphalala njengamanzi,laba ngumgxobhozo ojikelez' iJerusalem,kungekho bani wokuzifihla.
4 Sesiyintlekisa kubamelwane;bayakrwecana bephoxisa ngathi.
5 Koda kube nini, *Ndikhoyo?Uya kusoloko ucaphukile?Lohlala livutha ikhwele lakho?
6 Wugalele ezintlangeni umsindo wakho,kwabo bangakukhathalelanga wena,kwizikumkani ezingakunquliyo.
7 Kuba bamqwengile uYakobi,babhuqe bavuthulula konke.
8 Ungasixhibi ngenxa yezono zoobawo;nceda velana nathi kuba siphelelwe.