6 Wugalele ezintlangeni umsindo wakho,kwabo bangakukhathalelanga wena,kwizikumkani ezingakunquliyo.
7 Kuba bamqwengile uYakobi,babhuqe bavuthulula konke.
8 Ungasixhibi ngenxa yezono zoobawo;nceda velana nathi kuba siphelelwe.
9 Khawuncede usisindise, Thixo wethu,ngenxa yesidima segama lakho.Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho.
10 Ngani ukuba iintlanga zide zithi:“Uphi lo Thixo wabo?”Liphindezele igazi lezicaka zakho;masikubone uzohlwaya iintlanga.
11 Yive incwina yâbo bathinjiweyo;ngaloo mandla akho basindise abo bagwetyelwe ukufa.
12 Babuyisele kasixhenxe abamelwanengenxa yezenyeliso abakuthuka ngazo, Mhlekazi.