1 Khawubek' iindlebe, malusi kaSirayeli!Wena makhokel' uJosefu njengomhlambi,wena osesihlalweni *ngakwizithunywa ezimaphiko,
2 khanya kwaEfrayim nakwaBhenjamin nakwaManase;ngaloo mandla akho yiza usisindise.
3 Awu, Thixo, yiba nebuyambo;velana nathi usisindise!
4 *Ndikhoyo Thixo onamandla onke,koda kube nini ungayamkeli imithandazo yabantu bakho?
5 Wena usondle ngeentsizi,wasiseza iinyembezi.
6 Usitsho abamelwane baxhwithana ngathi;ngoku iintshaba zihlekisa ngathi.
7 Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;velana nathi usisindise!