3 Awu, Thixo, yiba nebuyambo;velana nathi usisindise!
4 *Ndikhoyo Thixo onamandla onke,koda kube nini ungayamkeli imithandazo yabantu bakho?
5 Wena usondle ngeentsizi,wasiseza iinyembezi.
6 Usitsho abamelwane baxhwithana ngathi;ngoku iintshaba zihlekisa ngathi.
7 Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;velana nathi usisindise!
8 Wena weza nomdiliya eJiputa,wazigxotha iintlanga, watyala wona.
9 Walima wawulungiselela umhlaba,wamila waxanda emhlabeni wonke.