7 Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;velana nathi usisindise!
8 Wena weza nomdiliya eJiputa,wazigxotha iintlanga, watyala wona.
9 Walima wawulungiselela umhlaba,wamila waxanda emhlabeni wonke.
10 Ithunzi lawo lafikelela ezintabeni,lawagquma amasebe emisedare.
11 Amasebe awo afikelela elwandle,iingcambu zafikelela e-Efrati.
12 Uludilizeleni ke uthango lwawo,abadlulayo sebegqwathula iziqhamo nje?
13 Ngoku sewunqunqudwa nayingulube;iinyamakazi zizifikisela kuwo.