1 Dandulukani ngovuyo, nibonge uThixo osikhuselayo;memelelani nidumise uThixo kaYakobi.
2 Hlabelani nitsho ngohadi;dlobani ngoncuthu lweehapu neekatala.
3 Vuthelani ixilongo ukuthwasa kwenyanga,nasekuhlanganeni kwenyanga mhla ngetheko.
4 Kaloku lowo ngummiselo wakwaSirayeli,lisiko loThixo kaYakobi.
5 Walenza langummiselo kwaSirayeli,mhla wahlasela elamaJiputa.Ndiva ilizwi endingaliqondiyo, lisithi: