2 Hlabelani nitsho ngohadi;dlobani ngoncuthu lweehapu neekatala.
3 Vuthelani ixilongo ukuthwasa kwenyanga,nasekuhlanganeni kwenyanga mhla ngetheko.
4 Kaloku lowo ngummiselo wakwaSirayeli,lisiko loThixo kaYakobi.
5 Walenza langummiselo kwaSirayeli,mhla wahlasela elamaJiputa.Ndiva ilizwi endingaliqondiyo, lisithi:
6 “Ndawothula umthwalo owawusemagxeni enu,zaxibilika iingobozi ezandleni.
7 Nakhala ngomhla wengxingongo, ndanihlangula;ndaniphendula ndingabonakali ndisezindudumeni;ndanivavanya emthonjeni waseMeribha.
8 “Ndathi sigqaleni isilumkiso sam, bantu bam;Sirayeli, akwaba ubuya kundiva!