2 uthi: “Kunini nilawula ngegobe,nibabonelela abakhohlakeleyo!
3 Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,nibonelele iintsizana namahlwempu.
4 Khanikhulule abahlelelekileyo nama-athalala;bahlanguleni abagonyamelwa zizikhohlakali.
5 “Basemnyameni ombode-mbode;bayafathula njengempumputhela,nangona lona ihlabathi lizama-zama.
6 Ndithi: Ewe kambe, ningoothixo;nonke ningoonyana bakaPhezukonke.
7 Kambe ke niya kufa njengamntu wonke,nibhange njengamatshawe.”
8 Awu, Thixo, khawulingenele ngomgwebo ihlabathi;andithi kaloku zonke izizwe zisesandleni sakho!