12 Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi;Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho,
13 kuba ziyandimangalisa izibele zakho;undihlangule enzonzobileni yengcwaba.
14 Awu, Thixo, zindivukele izibhoja.Ewe, izikrelemnqa ziyandizingela;zona azikukhathalele nganto.
15 Kambe ke wena, Nkosi,unguThixo onenceba nesisa.Wena ucaphuka kade,uphuphuma uthando nokunyaniseka.
16 Buya uvelane nam;khawusomeleze isicaka sakho,umhlangule unyana wesicakazana sakho.
17 Ndinike umqondiso wokundazelelela kwakho,ukuze abandithiyileyo babone badane,kuba wena, Ndikhoyo, undincedile wandithuthuzela.