5 Sendinikelwe kwabafileyo;sendifana nowoselweyo othe gangalala engcwabeni.Ndinjengâbo ungasabakhumbuliyo,abo bangasenakuncedakala.
6 Undithe tywa kwelimnyama ingcwaba,ezantsi emathunjini omhlaba.
7 Ingqumbo yakho indisibekele,amaza alatyuzayo andongamele.
8 Undihluthe izihlobo zam ezisenyongweni;kungokunje ziyandenyanya.Ndixinekile, futhi andisenakuphuncula;
9 ndiyayengezelisa ngenxa yembandezelo.Ndikhoyo, ndikhala kuwe yonke imihla;ndiphakamela kuwe ngomthandazo.
10 Imimangaliso ngaba uyenzela abafileyo na?Boze bavuke bakudumise na?
11 Uthando lwakho luxelwa ngabafileyo na?Ukunyaniseka kwakho kwaziwa kwantshabalala na?