10 Wena wasinyhasha isilo esikhulu saselwandle;ngaloo mandla akho wazisarhaza iintshaba zakho.
11 Amazulu ngokunjalo nehlabathi lelakho;ihlabathi nako konke okukulo kwasekwa nguwe.
12 Umntla nomzantsi wadalwa kwanguwe;iintaba iTabhore neHermon ziyakudumisa.
13 Ubungangamsha bakho buyakhamnqisa;ubugorha nobukroti bakho buyamangalisa.
14 Ulawulo lwakho lusekwe ngobulungisa nolungelelwano;wena ukhokelwa bububele nokuthembeka.
15 Basethamsanqeni abantu abakubhengeza ngendumiso;ewe, Ndikhoyo, abo basoloko bekufutshane nawe,
16 abonwatyiswa nguwe imini yonke,bekudumisa ngenxa yobulungisa bakho.