1 Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, *Ndikhoyo,ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.
2 Ndomemelela ngemincili,ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke.
3 Zithe xa zihlehlayo iintshaba zam,zawa zatshabalala, wakuvela wena, Ndikhoyo.
4 Kaloku undigwebele ityala lam;ungqendeve esihlalweni sakho,wena mgwebi olungileyo.
5 Uzikhalimele iintlanga,wabatshabalalisa abantw' abagwenxa,waliphanzisa kwaphela igama labo.