1 Usoloko ulikhaya lethu, wena Nkosi,izizukulwana ngezizukulwana.
2 Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.
3 Umbuyisela kwaseluthulini umntu, usithi:“Buyela apho ubuvela khona, mntundini!”
4 Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,lona liyafana nemini yezolo,lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.
5 Uphephetheka njengephepha umntu;uphela okobuthongo, abune njengengca,