1 Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,uhlala esemthunzini kaSomandla.
2 Yena uya kuthi: “*Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”
3 Kuba nguye okuhlangula emgibeni wabakugcayiseleyonakubhubhani wesifo,
4 akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe.