2 Yena uya kuthi: “*Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”
3 Kuba nguye okuhlangula emgibeni wabakugcayiseleyonakubhubhani wesifo,
4 akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe.
5 Akuyi koyika zingozi zasebusuku,nakuhlaselwa ngequbuliso emini,
6 nabhubhani wangobusuku,nasifo sigqugqisayo emini emaqanda.
7 Nokuba kungawa iwaka ecaleni kwakho,neshumi lamawaka liwe likungqonge,akusayi kuchukunyiswa nto wena.
8 Uya kuqwalasela ukubone ngamehlo akhoukohlwaywa kwawo amatshijolo.