6 nabhubhani wangobusuku,nasifo sigqugqisayo emini emaqanda.
7 Nokuba kungawa iwaka ecaleni kwakho,neshumi lamawaka liwe likungqonge,akusayi kuchukunyiswa nto wena.
8 Uya kuqwalasela ukubone ngamehlo akhoukohlwaywa kwawo amatshijolo.
9 Ngenxa yokuba uthembele ngoNdikhoyo,wamenza umkhuseli wakho uPhezukonke,
10 akuyi kuhlelwa bubi;akuyi kusondela nasibetho emzini wakho.
11 Kaloku woziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhewokuba zikugcine endleleni yakho,
12 zikufunqule hleze ukhubeke elityeni.