8 Uya kuqwalasela ukubone ngamehlo akhoukohlwaywa kwawo amatshijolo.
9 Ngenxa yokuba uthembele ngoNdikhoyo,wamenza umkhuseli wakho uPhezukonke,
10 akuyi kuhlelwa bubi;akuyi kusondela nasibetho emzini wakho.
11 Kaloku woziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhewokuba zikugcine endleleni yakho,
12 zikufunqule hleze ukhubeke elityeni.
13 Wonyathela phezu kweengonyama neenyoka,unyhashe amathol' eengonyama noogqoloma.
14 Ngenxa yokuba endithanda, ndomhlangula;ndimphakamise, kuba elazi igama lam.