1 *UNdikhoyo ungukumkani;uthe wambu isihomo nesithozela namandla.Ewe, ulimise zinzi ihlabathi, aligungqi.
2 Isihlalo sakho, Ndikhoyo,sasekwa kwantlandlolo;wena wawukho kwanini-nini.
3 Iyagquma imilambo, Ndikhoyo,ivakalisa isandi sayo;iyavakala imigqumo yayo.
4 UNdikhoyo yingangalala yaphezulu;unamandla kunamaza alephuzayo,nangaphezu kwamaza agqumayo.