3 Zibaliseleni ngesihomo nesithozela sakhe iintlanga;zixeleleni ngemimangaliso ayenzileyo zonke izizwe.
4 Kaloku yingangalala uNdikhoyo, ufanelwe yimbeko enkulu;ufanelwe kukoyikwa ngaphezu *kwezithixo zonke,
5 kuba yimifanekiso nje izithixo zeentlanga,kodwa yena uNdikhoyo wadal' oomazulu.
6 Yena unobungangamsha nesithozela;kukho isihomo nendili apho akhoyo.
7 Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;mbongeni kuba unewonga namagunya.
8 Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;sondezani amadini, ningene endlwini yakhe.
9 Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela;malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe.