7 Mbongeni uNdikhoyo, nina bemi bomhlaba;mbongeni kuba unewonga namagunya.
8 Mnikeni imbeko efanele igama lakhe;sondezani amadini, ningene endlwini yakhe.
9 Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela;malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe.
10 Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani;nguye olizinzisayo ihlabathi, aliyi kugungqa;nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.
11 Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi;gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;
12 makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo;mayombele imithi emahlathini;
13 kuba uyeza uNdikhoyo;uza kuligweba ihlabathi,alilawule ngobulungisa,azigwebe ngokomthetho izizwe.