9 Kuba wena, Ndikhoyo, uyingangalal' ehlabathini;uyingqonyela yazo zonke izithixo.
10 Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo.
11 Ilitha lokukhanya lithe thaa phezu kwamalungisa;banemincili abantw' abantliziyo zinyulu.
12 Gcobani nonke malungisa,nibulel' uNdikhoyo ngezintw' ezintl' anenzele zona.