1 *UNdikhoyo ngukumkani, uyalawula;mazimnike imbeko izizwe!Ungqendeve esihlalweni engqongwe *zizithunywa ezimaphiko;malingcangcazele ihlabathi!
2 UNdikhoyo yingangalala eZiyon;ngumlawuli wazo zonk' iintlanga.
3 Malidunyiswe ngumntu wonk' igama lakhe elindilekileyo!Kaloku yena nguyedwa okhethekileyo.
4 Wena kumkani, ngangalala, mthandi wokulungileyo;nguwe owezisa ubulungisa kwaYakobi,wawis' izigwebo kakuhle ungenamkhethe.
5 Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu;zikhahleleni ngasezinyaweni zakhe.Kaloku yena unobungangamsha.
6 UMosis noAron yayingababingeleli bakhe;uSamweli yayingomnye wababemnqula;bonke bazibika kuNdikhoyo, wabeva.
7 Wayethetha nabo ekwintshinyela yelifu,kuba babeyithobela imiyalelo nemithetho yakhe.