3 Malidunyiswe ngumntu wonk' igama lakhe elindilekileyo!Kaloku yena nguyedwa okhethekileyo.
4 Wena kumkani, ngangalala, mthandi wokulungileyo;nguwe owezisa ubulungisa kwaYakobi,wawis' izigwebo kakuhle ungenamkhethe.
5 Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu;zikhahleleni ngasezinyaweni zakhe.Kaloku yena unobungangamsha.
6 UMosis noAron yayingababingeleli bakhe;uSamweli yayingomnye wababemnqula;bonke bazibika kuNdikhoyo, wabeva.
7 Wayethetha nabo ekwintshinyela yelifu,kuba babeyithobela imiyalelo nemithetho yakhe.
8 Ewe, Ndikhoyo, Thixo, wabeva abantu bakho;wababonisa ukuba unguThixo oxolelayo,kodwa ukwangoyohlwayayo intw' embi.
9 Mbongeni uNdikhoyo uThixo wethu.Mnquleleni entabeni yakhe eyodwa!Kaloku ungcwele uNdikhoyo uThixo wethu.