2 Ulawulo lwakho uNdikhoyo woluqalisa eZiyon.Ke wena zilawule iintshaba zakho.
3 Amatshawe akho ozincama engaqhutywa,evethe eziyokoyoko zoloyiso,mhla wagagana notshaba lwakho.Kusasa ngejekejeke lobuthelana okombethe ulutsha.
4 UNdikhoyo akayi kujika, kuba wafunga wathi:“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedekioya kuhlala ehleli.”
5 Ke yona iNkosi ingakuwe;mhla yacaphuka iya kuzibhangisa izikumkani.
6 Iya kuzingenela ngomgwebo izizwe,zitsho ziqungquluze izidumbu zabantu;ewe, iya kuzivikiva iziphathamandla jikelele.
7 Ukumkani uya kusela ecaleni kwendlela;ngako ke aqingqe ethwel' indwe.