11 Ngaphezu koko ziyasilulek' isicaka sakho,yaye ngumvuz' omkhulu ukukuthobela.
12 Kambe ke ngubani oziqiqayo iziphoso zakhe?Ndikhulul' ezonweni endingaziqondiyo.
13 Ndikhusel' ezonwen' ezibangwa likratshi,hleze zindongamele.Ndiyakwandul' ukuba msulwandakuba ndikhululekil' ezonweni ezoyikekayo.
14 Ngamana angamkeleka kuwe, Ndikhoyo,amazwi am neengcamango zentliziyo yam,wena mkhuseli wam nomkhululi wam.