12 Sele ndalityalwa mpela;ndinjengomfi ongasakhunjulwayo;sendalahlwa kwesinomhlwa.
13 Ewe, ndiyivile intlebendwane yabanye;kuthe saa luloyiko macal' onke,lo gama bandenzela amayelenqe, beceba ukundibulala.
14 Kodwa ithemba lam likuwe, Ndikhoyo;ewe, unguThixo wam wena.
15 Imihla yam isesandleni sakho;ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo.
16 Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho.
17 Mandingadani konke, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe;mabadane abantw' abagwenxa, banyoshoze baye kufa.
18 Watsho athi cwaka amaxoki,wona anyelisa amalungisa ngeentetho zolunya nendelelo.